Insert 34
Eh I clapped once ndakhe ndazihleki'hlekisa ndaphinda ndamjonga loNande
Me:"Ha ha... Ingathi ngewuhamba sisi coz awuthandwa, ndim umntu othandwa, Khumbula kalok uba wagxothwa laday ndifika kucaca uba uLufefe ebesenza nje kuba ndingekho"
Nande:"Wow! Sokhe sibone kesanalwam.kosh
iyana umama ukondla va and mamele ungazisoli ngothandana nendoda ejola nam nxxx"
Wanyuka ngestairs esindwa zezibags
Me:"Icinga ukba uyaphi nawena.? Ingathi ngewulinda ndiyombiza ngokwam uLufefe otherwise uzophuma ungathandanga klaroom"
Nande:"Ha ha yithi uyadlala ndzokhutshwa nguban"
Me:"Ha,a hamba wna"
Uye waqhubekeka wanyuka ndacima istove ndamlandela uNande ndangena eroomin wabe eshoutisa uLufefe
Lufefe:"Soree Minnie esisbhanxa somntana andsazi uba sifuna ntoni apha"
Nande:"Heeeh! Ha,a ukudlisile lomntana. Yemntanam khawutsho umchane ngeliphi"
She pinched my shoulder
Lufefe:"Sundinyela Nande ndzokufaka..-" Waminca uNande I cuted Lufefe
Me:"Ha,a! Lufefe. mgxothe uyeke ubetha"
Nande:"Rhaaa uyanya ndzolalaphi xa ezondgxotha"
Me:"Iworse ndinceda wna apha uzobethwa"
Nande:"Ndfuna lonto kanye"
Lufefe:"Nande ndiyakucela mntanomntu hamba yabona morc andikufuni"
Nande:"Yibambe apho, Jonga Lufefe andzango cenga uthando lwakho apha"
Me:"Uzofuna ntoni kanti"
Nande:"Yima wna andithethi nawe, mamela ke Lufefe ndithi ndigxothiwe emsebenzin so ke andinayo nemali yobhatala irent kengok Monday ndcela undiphe itwodays ndilale apha ndizogoduka kengok monday its ok xa ungafuni ndiyahamba"
Lufefe:"Ok Minnie uyavuma"
Me:"Haibo yeyakho lendlu subuza kum if its fine by you yenza lento ucinga iright"
Nande:"Ouh nkosi yam. Yinton ingxaki yakho mntanandini khawuthethe kakuhle chin andizuyiginya lendoda"
Basuke bajonga kum bobabini
Me:"Mandikhe ndigoduke guys wena Nande phuma apha zikhona iroom pha ezantsi"
Nande:"Okay" Wabe emile esonge izandla kephof uNande
Me:"Umele ntoni.? Andzuhamba apha ungaphumanga kleroom"
Uye wazithatha waphuma wajonga ifowni yakhe uLufefe Eh ndamjonga umane endijonga ingathi unesazela
Lufefe:"Ha,a sundijonga kanjalo marn wena"
Me:"Eh! Usamthanda nhe?"
Lufefe:"Haibo u-ubani oh her ha,a why"
Me:"Ndibona lendlela usuke wavuma nje kanjalo"
Lufefe:"Ha,a uyandixaka kengok, nguwe morc ovumileyo and kemna ndithanda wena not yena"
Me:"Ohh ndcela undigoduse ke"
Lufefe:"Ok Sewugqibile upheka"
Me:"Ndiyekile wethu ndiphazanyiswe nguloNande kalok"
Lufefe:"Ha ha caba ukothusile baby"
Me:"Eh! Iyanyubisa nha? "
Lufefe:"Ha,a kalok wagade amagama omawuthethe nam, asingontanga kalok sulibala"
Me:"Mxm khawundigoduse ingath izondenza istress lento iklendlu ingase ndimke marn, ndzobuya uhamba kwalentombi ilapha"
Lufefe:"Uyathanda uqunjiswa yinto encinci kodw mntuwam"
Me:"Ouh khawenze Lufefe sihambe"
Lufefe:"Masihamba kalok"
Ndiye ndahamba wandilandela sadlula efront uNande wabe ezisonge ecouch(in) wasijonga ndaqonda ndzomjonga uLufefe ebecofa ifowni she shocked her heard saphuma sayongena emotwen. Lufefe drove me home ndohlika he sped off the car I walked slowly ukuya endlini ndangena yoh
ndagilana nomntu olele emnyango bekugcwele'nje kukho necondoms phantsi bekukho ichomy zika-Ayanda namantombazana wonke umntu ulele klendlu kunuka nje utywala ndabatsiba ndaya eroomin yam ndazikhiyela pha ndalala ebed(in) ndivuswe yiknock
"Khawuvuleee Mntase ndim Saneze"
Me:"Iyoh ok ndiyeza"
Ndiye ndasukuma ndayovula
Neze:"Yuh akusanuki klendlu caba bekumnandi kutheni ningandi'memanga"
Me:"Ndiyafana nawe nam bendingekho sana, ubekwa yinton apha wena"
Neze:"Haibo ndzongezi ekhaya ngok"
Me:"Ngekungcono ukba ubuyile ke"
Neze:"Yuh soze mna ndonwabile klandawo ndikuyo ndzobuya mhla ndonela phof ke bendingaze'langa lonto apha mamela mntaks"
Me:"Ewe thetha ndimamele"
Neze:"Ndayaz ukba uOdwa ukuphoxile ebomini bakho kodw ke khumbula ukba wakusindisa ezintweni uOdwa wakuphucula nathi siyifamily yakho sikuthathe uphila kuOdwa and uOdwa uyakuthanda mntaks ndiyayaz lonto ndcela uncede torho uyomnceda lomntu uyakuthanda and ngok bayo'mgqibezela esbhedlele ndzokusa ngokwam phaya uDisco ndimngqande ndamncama akavumi"
Me:"Yoh ndzofika ndithini mna phayana khona wena nguOdwa omkhathalele ngantoni lo"
Neze:"Kalok Minnie lento yenziwa kuba kufunwa wena and ke nguwe umntu onoyinqanda ngoba iqalwe nguwe lento, yimele kesis makuyeke ukufa abantu ngenxa yakho khawuke ubenosizi"
Me:"Ha,a usuke wandixaka Saneze ngento engakufuniyo kephofu"
Uye waphuma ngocango uSaneze waphinda wandijonga
Neze:"Jonga apha keMinentle ungathi xa sewuxakene nento uzolile kum xiem kant uyozisola ngenye imini"
Me:"Eh! Zange ndaxakwa hamba yomnceda ngoba ndakujonga ingathi uyamthanda lo-Odwa wakho webhongo"
Neze:"Yuuuh uyageza kanti nawena. ingathi ngewuvula amehlo uzijonge uba umephi na otherwise uzoqabuka sewuse'mgxunyeni onenyoka"!!!
Wajika wahamba Eh! Kusuke kwathini ngoSaneze? Wasuke wandigcwalisela ngo-Odwa ngoku Eh ndzoke ndbone uba ibheka ngaphi lemeko kodwa unyanisile USaneze mandikhe ndiyosindisa lendoda inguOdwa ekufeni ndiye ndasukuma ndamleqa kuba ndifuna uthi masiye kwesisbhedlele
Monday, December 14
Ibali Lentombi EJola NeGintsa Insert 34
Loading...
Loading...
Post a Comment